Izililo 4:15 - IBHAYIBHILE15 “Mkani; *nigqwalisekile!” batsho abantu kubo. “Sukani; sukani; ningakhe nilinge ukusondela kuthi!” Bakuba bebhacele ezintlangeni zona ziya kuthi ngabo: “Abanakuhlala apha.” See the chapterIZIBHALO EZINGCWELE15 Sukani, nantso inqambi! Kwatshiwo ukumenyezwa kubo. Sukani, sukani, musani ukuphatha! Bakùsaba, baphamzela nalapho, kwathiwa phakathi kweentlanga, Mabangaphindi baphambukele khona. See the chapterIncwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864 1902 (Xhosa Appleyard)15 Bamemeza kubo, besiti: Sukani, nina banco̔lileyo! sukani, sukani, ningacukumisi! Ngenyaniso bayabaleka, bayabadula; kutwa pakati kwezizwe: Abasayi kuhlala kona. See the chapterContemporary Xhosa Bible 202415 Bathi kuwo, Hambani; ayicocekanga; mkani, mkani, musani ukuphatha; ekubalekeni kwabo, babhadula ezintlangeni, bathi, Abayi kubuya baphambukele khona. See the chapter |