iZenzo 1:11 - IBHAYIBHILE11 abuza athi: “Madoda, maGalili, nimele ntoni apha nikhangele phezulu nje? UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo.” Viz kapitolaIZIBHALO EZINGCWELE11 awatshoyo ukuthi, Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini? Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimboné esiya ngalo emazulwini. Viz kapitolaIncwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864 1902 (Xhosa Appleyard)11 abesitsho kanjalo ukuti: Madoda ase‐Galili! yinina ukuba nimi nikangela ezulwini? lo u‐Yesu obenyuswa kuni wasiwa ezulwini, uya kuza njalo njengokuba nimbonile esiya ezulwini. Viz kapitolaContemporary Xhosa Bible 202411 ayesithi ke, Madoda, maGalili, nimeleni na, nijonge ezulwini? Lo Yesu unyusiweyo kuni wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini. Viz kapitola |