KumaHebhere 1 - Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864 1902 (Xhosa Appleyard)ISAHLUKO I. 1 NGEZAHLULO ezininzi nangendawo ezininzi etetile nje utixo kudala kubo obawo ngabo abaprofite, 2 ute kulemihla yokugqibela wateta kuti ngonyana, ammisileyo ukuba yindlalifa yezinto zonke, okungaye kanjalo wawenza amazwe akoyo: 3 owati, eyinkazimlo yobungcwalisa bake nemfano yesiqu sake, epata nokupata zonke izinto ngelizwi lamandla ake, eyenzile ngokwake nje intlanjululwa yezono zetu, wahlala pantsi ngasekunene kwobukulukazi enyangweni yapezulu; 4 egqitisile ngokunjalo kuzo ingelosi, njengoko alizuzileyo ngelifa igama elidluliseleyo ngapezu kwazo. 5 Ngokuba kwiyipina yazo ingelosi ebeka watsho ukuti: Ungunyana wam wena, ndikuzele namhla nje? nakanjako: Mna ndiya kuba nguyise kuye, naye woba ngunyana kum? 6 Naxeshekweni kanjako amngenisayo umzalwa‐tanci elizweni, uti: Mazimbedeshe yena zonke ingelosi zikatixo. 7 Nangazo ingelosi uti: Owenza ingelosi zake umoya, nabakonzi bake ilangatye lomlilo. 8 Kodwa ngaye unyana kutshiwo ukuti: Iterone yako, Tixo! yohlala kude kube ngunapakade kanapakade; intonga yobukumkani bako yintonga yokulunga; 9 utandile ubulungisa, watiya inkohlakalo; ngako oko utixo, kwa utixo wako, wakutambisa ngeoli yovuyo ngapezu kwamakolwane ako. 10 Nokuti: Wena kwa sekuqalekeni, Nkosi! wabeka ukuseka kwomhlaba: namazulu angumsebenzi wezandla zako: 11 zotshabalala zona, kodwa wena uhlala uko; ewe zonke ziya kuguga njengengubo; 12 wauya kuzisonga njengesivato, zaziya kuguqulwa ke: kanti wena ukwa nguwe; neminyaka yako ayisayi kupela. 13 Kodwa kwiyipina yazo ingelosi uke watsho ukuti: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako? 14 Zona zonke azingomoya abakonzayo na, betunyelwa ukwenza inkonzo ngenxa yabo abaya kuzuza usindiso? |
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.
British & Foreign Bible Society