KumaHebhere 1 - IBHAYIBHILEIsingeniso 1 Amaxesha ngamaxesha mandulo uThixo wathetha nookhokho bethu ngeendlela ezahlukeneyo ngomlomo *wabashumayeli. 2 Kodwa ke kula maxesha okugqibela uthethe nathi ngoNyana wakhe. UThixo wammisela ukuba abe yindlalifa yezinto zonke, kwaye futhi ihlabathi liphela walidala ngaye. 3 Ewe, uNyana lo uphuhlisa ubungangalala bukaThixo, ibe ke yena noThixo bangumceph' ucandiwe. Ihlabathi lixhaswe nguye ngamandla elizwi lakhe. Uthe ke akuba elwenzile uxolelo lwezono wahlala ewongeni kwaThixo kweliphezulu. 4 Kaloku uNyana yena mkhulu kunezithunywa zezulu, kwaye ke uzuze negama elibalaseleyo kunelazo. UNyana mkhulu kunezithunywa 5 UThixo akukho sithunywa wakha wathi kuso: “UnguNyana wam wena, ndikuzele namhlanje;” engazange atsho nokuthi: “Ndiya kuba nguYise, yena abe nguNyana wam.” 6 Kwakhona ekuyiziseni kwakhe ehlabathini inkulu yakhe uThixo wathi: “Mazinqule yena zonke izithunywa zikaThixo.” 7 Ngokubhekiselele kwizithunywa zikaThixo kuthiwa: “Ulowenza imimoya izithunywa zakhe, nemibane elenyayo ibe zizicaka zakhe. ” 8 Kodwa uthi mayela noNyana: “Kambe, ulawulo lwakho, Thixo, àluphele ndawo! Kwaye futhi wena ulawula ngobulungisa. 9 Ungumathand' ubulungisa, uyithiyile inkohlakalo. Ngenxa yaloo nto ke, Thixo, uThixo wakho ukuthambisile. Ewe, ukuthe jize ngesihomo nesithozela esingaphezulu kwesoogxa bakho.” 10 Uphinda athi: “Nguwe, Nkosi, owalidalayo ihlabathi ekuqalekeni; amazulu ênziwa zizandla zakho. 11 Xa zizonke ziya kudlula, kodwa wena uhlala uhleli; ziya kuguga njengeempahla. 12 Uya kuzisonga njengeengubo, zona ziya kutshintshwa njengesambatho; ube wena ungaguquki, ube wena ungagugi.” 13 UThixo zange atsho nakusinye isithunywa ukuthi: “Hlala ngakum kweli wonga lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.” 14 Kakade ke ngoobani izithunywa? Zingoomoya abathunywa nguThixo, benceda abo baziindlalifa zosindiso. |
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.
Bible Society of South Africa