Aanlyn Bybel

- Advertensies -

KumaHebhere 1 - IZIBHALO EZINGCWELE


UKristu uNyana kaThixo uphakamile kunezithunywa zezulu

1 UThixo wayethethile nje kudala ngeendawo ezininzi, nangeendlela ezininzi, koobawo ngabo abaprofeti, uthethe ngale mihla yokugqibela kuthi ngoNyana;

2 awammisayo wayindlalifa yeento zonke, awathi kwangaye wayenza indalo yonke;

3 othe, elubengezelo lobuqaqawuli bakhe, nombhalo wenkqu yakhe, ezithwele nokuzithwala zonke izinto ngalo ilizwi lamandla akhe, wesuka, akuba eyenzile ngokwakhe intlambululo yokusihlambulula ezonweni, wahlala phantsi ngasekunene kobuKhulu, enyangweni;

4 ethe waba ngonamandla ngaphezu kwezithunywa zezulu, ngangoko azuze ilifa legama eligqithiseleyo kunelazo.

5 Kuba sisiphi na isithunywa, awakha wathi kuso, ÙnguNyana wam wena, Mna ndikuzele namhla? (INdum. 2:7) Nokuthi, Mna ndiya kuba nguYise wakhe, Yena abe nguNyana wam? (USam. II 7:14)

6 Nangexa athi amngenise owamazibulo kwelimiweyo, uthi, Maziqubude kuye zonke izithunywa zikaThixo.

7 Okunene ngazo izithunywa zezulu uthi, Ulozenza izithunywa zakhe oomoya, Nababusi bakhe ilangatye lomlilo; (INdum. 104:4)

8 kodwa ngaye yena uNyana uthi, Itrone yakho, Thixo, isa ephakadeni lasephakadeni; Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.

9 Wathanda ubulungisa, wathiya okungendawo; Ngenxa yoko, uThixo, uThixo wakho, ukuthambise Ngeoli yomgcobo ngaphezu kowenu. (INdum. 45:6,7)

10 Abuye athi, Ekuqalekeni, wena Nkosi, waliseka ihlabathi, Nalo izulu lingumsebenzi wezandla zakho;

11 Wona aya kutshabalala, ke wena uhlala uhleli; Aye onke njengengubo eya konakala,

12 Nanjengesambatho ùya kuwasonga, Asuke abe ngawambi; Ke wena ùkwanguwe, Nayo iminyaka yakho ayiyi kuphela. (INdum. 102:25-27)

13 Sisiphi na ke isithunywa, awakha wathi kuso, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho? (INdum. 110:1)

14 Azingomoya ababusayo zonke na, zithunywe ukuba zilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso?

© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

Bible Society of South Africa
Volg ons:



Advertensies