Amaculo 1 - IZIBHALO EZINGCWELEUkuthelekiswa kwamalungisa nabangendawo 1 Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo, Ongemiyo endleleni yaboni, Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki! 2 Yena unonelela umyalelo kaYehova; Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku: 3 Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, Ogqabi lawo lingabuniyo; Konke akwenzayo kophumelela. 4 Àbanjalo abangendawo; Bòna banjengomququ ophetshethwa ngumoya. 5 Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni, Naboni ebandleni lamalungisa. 6 Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa; Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka. |
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.
Bible Society of South Africa