Aanlyn Bybel

- Advertensies -

Izililo 4 - Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864 1902 (Xhosa Appleyard)

1 HAI ukuba mncumevu kwegolide! ukuguqulwa kwegolide entle! ukucitwa kwamatye endawo eyingcwele encameni yezitarate zonke!

2 Onyana abanqabileyo base‐Ziyone, belinganiseka negolide ecokisiweyo, banjanina ukubalwa ngokuba yimipanda yodongwe, umsebenzi wezandla zombumbi!

3 Kwa impungutye ziyanikela ibele, ziyanyisa amatole azo: intombi yabantu bam ibunqola, njengazo inciniba entlango.

4 Ulwimi lwosana luti nama ekuhlangubo lalo ngenxanwa: intsatshana ziyacela isonka; akuko ozabelayo.

5 Abo ababesidla izimnandi bayabuba ezitarateni: abo ababesondliwa pezu kwezinto ezibomvu bayasingata imfumba zenkunkuma.

6 Ngokuba ukwohlwayelwa kwenkohlakalo yentombi yabantu bam kukulu kokwesono se‐Sodome, eyabicitwa njengasepanyazweni, ingawelwa zizandla ke.

7 Abanaziri bayo bebegqitisile ingqweqwe ngokuba ngcwele, bebegqitisile ubisi ngokuba mhlope, bebebomvu pezu kwerubi umzimba wabo, isimilo sabo sasisesesafire.

8 Ukubonakala kwabo ngoku kubumnyama pezu kwoncwalazi, abaziwa ezitarateni; intlonze yabo iti nama ematanjeni abo; ishwabene, iba njengomti.

9 Banenyweba abo babuleweyo ngeṙele pezu kwababuleweyo ngendlala: ngokuba aba bebengcungcuteka, behlatyiwe, bengenayo imifuno yentsimi.

10 Izandla zabafazi abanezibele zipekile ababo abantwana; baba kukudla kwabo embujisweni yentombi yabantu bam.

11 Uyehova ufezile ubuṙalaṙume bake; utulule ubushushu bengqumbo yake, wapembela e‐Ziyone umlilo, owadla imisekelo yayo.

12 Ngebengakolwanga okumkani bomhlaba, nabo bonke abemi belizwe, ukuba bekuya kungena emasangweni e‐Yerusaleme impi notshaba.

13 Ngenxa yezono zabaprofite bayo, nezikohlakalo zabaperisite bayo, abalipalazileyo pakati kwayo igazi labalungileyo,

14 babadula njengemfama ezitarateni, badyojwa ngegazi, bada abantu bakohlwa ukucukumisa izivato zabo.

15 Bamemeza kubo, besiti: Sukani, nina banco̔lileyo! sukani, sukani, ningacukumisi! Ngenyaniso bayabaleka, bayabadula; kutwa pakati kwezizwe: Abasayi kuhlala kona.

16 Ubuso bukayehova bubahlulahlule; akasayi kubagqala; ubuso babaperisite ababubekanga; babengenalufefe kubo abadala.

17 Nxa sibe siseko, amehlo etu apelela uncedo olungendawo: ekulindeni kwetu salinda isizwe esasingenako ukusindisa.

18 Bazingela amanyatela etu, ukuba besingenakuhamba ezitarateni zetu: kwasondela ukupela kwetu, yabizalisekile imihla yetu; ngokwenene ukupela kwetu bekufikile.

19 Abasukeli betu badlula ngamendu inkozi zasezulwini; basiputuma kakulu ezintabeni, basilalela entlango.

20 Umoya wempumlo zetu, umtanjiswa kayehova, wabanjiswa ezihogweni zabo; esabesisiti ngaye: Ngapantsi kwomtunzi wake sohlala pakati kwabaheyideni.

21 Gcoba uvuye, ntombi yase‐Edome, wena umiyo ezweni le‐Hutse! indebe yodlulela nakuwe; wonxila ke, wozihluba kanjako.

22 Kugqityiwe ukwohlwayelwa kwenkohlakalo yako, ntombi yase‐Ziyone! akayi kupinda akufuduse: inkohlakalo yako, ntombi yase‐Edome! woyohlwayela; izono zako wozityila.

Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

British & Foreign Bible Society
Volg ons:



Advertensies