Imizekeliso 1 - Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864 1902 (Xhosa Appleyard)ISAHLUKO I. 1 IMIZEKELISO ka‐Solomone, unyana ka‐Davide, ukumkani wo‐Sirayeli; 2 yokuba kwaziwe ubulumko nemfundiso; yokuba kuqondwe iziteto zengqondo; 3 yokuba kwamkelwe imfundiso yobutelekelelo; ubulungisa, nobugwebo, nolungelelwano; 4 yokunika izidenge ubuciko, nomfana ukwazi nentelekeleliso. 5 Ilumko liya kuva, landise ufundo; noqondayo uya kuzuza amaqinga alumkileyo: 6 kuze kuqondwe umzekeliso nenteto esiteleyo, amazwi amalumko nezintsonkotelo zawo. 7 UKWOYIKA uyehova kusisiqalo sokwazi: ubulumko nemfundiso amahilihili ayazidela. 8 Yiva, nyana wam! imfundiso kayihlo, ungalahli umteto kanyoko. 9 Ngokuba ziya kuba sisitsaba esihle zona kuyo intloko yako, nemixokelelwane entanyeni yako. 10 Nyana wam! ukuba aboni bayakuhenda, zungavumi ke. 11 Ukuba bati: Hamba nati, masilalele igazi, masizifihlele ofumana engenatyala; 12 masibaginye behleli njengayo ihadesi; kwa besapilile, babe njengabahleleyo esihogweni: 13 yonke impahla enobomi soyifumana; siya kuzalisa izindlu zetu ngamaxoba: 14 iqashiso lako uya kulenza pakati kwetu; inxowa inye yoba kuti sonke: 15 nyana wam! zungahambi nabo endleleni; nqanda unyawo lwako emizileni yabo: 16 ngokuba inyawo zabo zibalekela ububi, zinxamela ukupalaza igazi. 17 Ngenyaniso kufumana kusanekwa utambo emehlweni enye intaka: 18 kanti bona bayalalela elabo igazi, bayazifihlela obabo ubomi. 19 Zinjalo ke indlela zabo bonke ababawela impango; iyasusa ubomi bomniniyo. 20 UBULUMKO buyadanduluka ngapandle; buyapakamisa ilizwi labo ezitarateni: 21 kwezinkulu indawo zembutumbutu buyabiza, ezitubeni zamasango; esixekweni buyateta iziteto zabo, busiti: 22 Kwoba kade kangakananina, zidenge! niya kutanda ubudenge, nabagxeki bazinqwenele ukugxeka, namageza atiye ukwazi? 23 Ziguquleni ngokwohlwaya kwam; bona ke, ndiya kunigalelela umoya wam; ndiya kunazisa amazwi am. 24 Ngokokuba ndibizile, nala nina; ndolulile isandla sam, kungabangako owapulapulayo; 25 koko nilahlile lonke icebo lam, nesohlwayo sam ningasivumanga; 26 nam ndiya kuhleka ilishwa lenu; ndiya kugculela kwakufika isoyiko senu; 27 kwakufika isoyiko senu njengalo uquta, liti ilishwa lenu lize njengaso isaqwiti; kwakufika pezu kwenu ubunzima nesitukutezi. 28 Baya kwandul’ ukundibiza, kanti andiyi kusabela; baya kundifuna msinya, kanti abasayi kundifumana: 29 ngenxa yokuba betiyile ukwazi, nokuba bengaqashanga ukwoyika uyehova. 30 Abavumanga icebo lam; badela konke ukwohlwaya kwam: 31 ngako baya kutya kwisiqa̔mo seyabo indlela, badikwe ngawabo amacebo. 32 Ngokuba ukupambuka kwezidenge kuya kuzibulala, nokungakatali kwamageza kuya kuwabubisa. 33 Kodwa ondivayo mna wohlala ngokunqaba; uya kwonwaba, kungeko kwoyika ububi. |
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.
British & Foreign Bible Society