Aanlyn Bybel

- Advertensies -

iGenesis 1 - Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864 1902 (Xhosa Appleyard)


ISAHLUKO I.

1 EKUQALEKENI wadala utixo izulu nomhlaba.

2 KEKALOKU umhlaba wabugxwayiba, wauzé kanjalo: kwabako nobumnyama ebusweni benzulu. Waye u‐Moya katixo wazamazama pezu kwobuso bamanzi.

3 Wayesiti utixo: Makubeko ukukanya; kwaza kwabako ukukanya.

4 Waye utixo wabona ukukanya ukuba kulungile; waza utixo wenza isahlulo pakati kwokukanya nobumnyama.

5 Wati utixo ukutiya ukukanya, yimini; wati nokutiya ubumnyama, bubusuku. Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wokuqala.

6 Wayesiti utixo: Makubeko isibakabaka pakati kwamanzi, size sibe sisahlulo pakati kwamanzi namanzi.

7 Waza utixo wasenza isibakabaka, wawahlula amanzi abengapantsi kwesibakabaka, kuwo amanzi abengapezu kwesibakabaka. Kwaye kunjalo ke.

8 Wati utixo ukutiya isibakabaka, lizulu. Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wesibini.

9 Wayesiti utixo: Amanzi angapantsi kwezulu makahlanganiselwe endaweni inye, kuze kubonakale okwomileyo. Kwaye kunjalo ke.

10 Wati utixo ukutiya okwomileyo, ngumhlaba; wati nokutiya ukuhlanganisana kwamanzi, zilwandle. Waye utixo wabona ukuba kulungile.

11 Wayesiti utixo: Umhlaba mauvelise inca, nomfuno unika imbewu, nomti wokuqa̔ma, uhlanza isiqa̔mo ngemmilo yawo, ombewu ipakati kwawo, pezu kwomhlaba. Kwaye kunjalo ke.

12 Umhlaba wavelisa inca, nomfuno unika imbewu ngemmilo yawo, nomti uhlanza isiqa̔mo, ombewu ipakati kwawo, ngemmilo yawo. Waye utixo wabona ukuba kulungile.

13 Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumlhla wesitatu.

14 Wayesiti utixo: Makubeko izikanyiso esibakabakeni sezulu, zize zisenze isahlulo pakati kwemini nobusuku; mazibe zizo ezemiqondiso, nezamaxesha amiselweyo, nezemihla, nezeminyaka:

15 maziti kanjalo zibe zizikanyiso esibakabakeni sezulu zokukanyisa pezu kwomhlaba. Kwaye kunjalo ke.

16 Wazenza utixo zazibini izikanyiso ezikulu; eso sikulu isikanyiso ukuba sipate imini, neso sincinane isikanyiso ukuba sipate ubusuku; wazenza nenkwenkwezi.

17 Wayezimisa utixo esibakabakeni sezulu, ukuba zikanyise pezu kwomhlaba,

18 nokuba zipate pezu kwemini napezu kwobusuku, nokuba zisenze isahlulo pakati kwokukanya nobumnyama. Waye utixo wabona ukuba kulungile.

19 Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wesine.

20 Wayesiti utixo: Amanzi makakolise ukuvelisa izilwana ezinokudliwa kwobomi; nentaka mazipapazele pezu kwomhlaba esibakabakeni sezulu.

21 Wadala utixo iminenga emikulu, nazo zonke izinto ezinokudliwa kwobomi ezishukumayo, awati amanzi akolisa ukuzivelisa ngemmilo yazo; kwa nazo zonke intaka ezinamapiko ngemmilo yazo. Waye utixo wabona ukuba kulungile.

22 Waza utixo wazitamsanqela, esiti: Cumani, nande, nizalise amanzi akuzo ilwandle; nentaka mazande emhlabeni.

23 Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wesihlanu.

24 Wayesiti utixo: Umhlaba mawuvelise izinto ezinokudliwa kwobomi ngemmilo yazo, inkomo, nento ezinambuzelayo, nezilo zomhlaba, ngemmilo yazo. Kwaye kunjalo ke.

25 Wenza utixo izilo zomhlaba ngemmilo yazo, nenkomo ngemmilo yazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngemmilo yazo. Waye utixo wabona ukuba kulungile.

26 Wayesiti utixo: Masenze umntu ngomfanekiso wetu, njengemfuzo yetu; mababe nobukosi pezu kwentlanzi zolwandle, napezu kwentaka zezulu, napezu kwenkomo, napezu kwawo wonke umhlaba, napezu kwazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba.

27 Waza utixo wadala umntu ngowake umfanekiso; wamdala ngomfanekiso katixo: wabadala indoda nomfazi.

28 Waye utixo wabatamsanqela, wati utixo kubo: Cumani, nande, nizalise umhlaba, niwoyise; yibani nobukosi pezu kwentlanzi zolwandle, napezu kwentaka zezulu, napezu kwazo zonke izilo ezishukumayo pezu kwomhlaba.

29 Wayesiti utixo: Bona ke, ndinipile yonke imifuno inika imbewu, epezu kwobuso bomhlaba wonke, nayo yonke imiti ekukuyo isiqa̔mo somti sinika imbewu: yoba yinto yokutya kuni.

30 Nakuzo zonke izilo zomhlaba, nakuzo zonke intaka zezulu, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni, ekukuzo ubomi, ndipile yonke imifuno eluhlaza ibe kukutya. Kwaye kunjalo ke.

31 Waye utixo wabona konke abekwenzile, kekaloku bona ke, kwakulungile kunene. Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wesitandatu.

Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

British & Foreign Bible Society
Volg ons:



Advertensies