Izililo 2:14 - IBHAYIBHILE14 Imibono yabashumayeli bakho yayingamampunge nenkohliso; abalutyhilanga ukreqo lwakho ukuze kunqandwe ukuthinjwa kwakho. Izihlabo abazibhekise kuwe zazibubuxoki obulahlekisayo. Sien die hoofstukIZIBHALO EZINGCWELE14 Abaprofeti bakho bakubonele imibono yento engento nejavujavu; Àbabutyhila ubugwenxa bakho, ukuba kubuyiswe ukuthinjwa kwakho; Bakubonéle imibono ezizihlabo ezingezizo, nezokugxothwa. Sien die hoofstukIncwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864 1902 (Xhosa Appleyard)14 Abaprofite bako bakubonele okungendawo nobudenge: abatyilanga inkohlakalo yako, ukuba kubuyiswe ukutinjwa kwako: kodwa bakubonele imitwalo ebuxoki nezigxotiso. Sien die hoofstukContemporary Xhosa Bible 202414 Abaprofeti bakho bakubonisa izinto ezililize nezibubudenge, yaye ababutyhilanga ububi bakho ukuze bakuthintele ukuthinjwa; ke ndanibona imithwalo ebuxoki, nokugxothwa. Sien die hoofstuk |